



Amathuba avuleke kumntu wonke kunangaphambili eMzantsi
Afrika - kodwa amathuba amahle anokusenzela ntoni
xa singenalo usapho oluphilileyo?











Xa usana okanye umntwana engatyi kutya kunesondlo iziphumo ziya kuba
zezingathandeki.

Abantwana kufuneka bondliwe kakuhle ukuze bakhule kakuhle, into yokuqala kukuba zincanciswe iintsana ezingaphantsi kweenyanga ezintandathu.
























Ukuze uzuze okona kukutya kwakho yitya iindidi ngeendidi zokutya ezifumanekayo. Indlela yokutya kakuhle icetywa isekelwa ekutyeni okungundoqo apho iziqhamo, imifuno nenyama (okanye okusetyenziswa endaweni yenyama njengembotyi, intlanzi okanye amaqanda) kuye kongezwe. Ucoceko lubalulekile - Ucoceko lwesiqu nolwendawo okulungiswa kuyo ukutya lubalulekile.

Ukutya okunempilo kufuneka kuqalwe ngaphambi kokuba umama akhulelwe, aqhubeke nako xa esancancisa, makugxininiswe kubant-wana abaselula - ngokwenjenje siya kuba nesizukulwana sabantu abadala abomeleleyo.

Qalisa namhlanje ukuphila ubomi obunempilo ukuze usapho lwakho lube sethubeni lokuba sempilweni yaye lomelele.

Oomama kufuneka nabo batye ukutya okunesondlo!

Ukutya okukuko nokwaneleyo xa ibhinqa likhulelwe naxa lincancisa kokona kubalulekileyo kokubini kulo nosana. Akuyonyaniso ukuba xa usitya kufuneka utye ukutya kwabantu ababini!

Kufuneka utye ukutya okuya egazini nokulingeneyo, uqiniseke nihlala niphilile, nomelele nosana lwakho.

Xa umama okhulelweyo esitya ukutya okukuko ambalwa amathuba eengxaki xa ekhulelwe ukanti nemveku ayikho esichengeni sempilo enkenenkene. Usana olusandul'ukuzalwa Iuya kuhlala lusempilweni - yitya ukutya okukuko ukuze ube nosana olusempilweni!

Omama abakhuleiweyo mabaye eklinikhi rhoqo, ukuze bahlolwe oku:
-	Ukukhula kosana olungekazalwa. Naziphi na iingxaki.
Enoba unina unomzimba omkhulu.
Ukumpompa kwegazi lonina kwanempilo yakhe nje iyonke. Unina afundiswe akufunayo
phambi kokuba azale.

Ubukhulu bomzimba kamama phambi kokuba akhulelwe nobo abufumana lo gama esakhulelwe buchaza ubukhulu bomntwana xa ezalwa. Ubungakanani bobukhulu bomntwana xa ezalwa buya kudiza ukuba uza kuba ngumntwana osempilweni okanye ompilo inkenenkene.

Ukuba unciphile okanye unomzimba omkhulu xa ukhulelwe umntwana wakho usenokugula ngenxa yawo. Ngokomzekelo, iintsana ezinoomama abanciphileyo emzimbeni kusengenzeka zibe nemizimba emincinane kunezo zinomama abanemizimba elingeneyo.
Kubalulekile ukuba ukutya kukamama kube kokufanelekileyo nkqu nangaphambi kokuba ukhulelwe. Ukutya okusempilweni kubalulekile xa usandul'ukukhulelwa. Kuba amalungu omzimba njengobuchopho nentliziyo kungawona malungu aqala ahlume ukungatyi kukanina ukutya okunempilo kwesi sihlandlo, kunokubangela ukuba la malungu abe neziphene ezingenakulungiswa.

Kwiinyanga zokugqibela zokukhulel-wa ukukhula okukhawulezayo kosana kuthetha ukuba indlela unina atya ngayo kufuneka yandiswe ukuqinisekisa ukuba yena nosana lwakhe bafumana iivithamini neem-inerali ezifunekayo ukuze lube namandla yaye lomelele. Ngokomzekelo umama okhulelweyo kufuneka afumane uchatha weepro-thini xa encancisa usana lwakhe, lo chatha unyuswa uye kufikelela kwi 20% kunesiqhelo.

Ukutya okunempilo, njengemifuno eluhlaza nenombala obuqanda (okanye ukutya okusetyenziswa endaweni yenyama njengeembotyi, isoya, amaqanda nentlanzi), ubisi, iyogathi okanye amasi kukutya okubalulekileyo kwaye kufuneka xa sele iinyanga zokukhulelwa ziphela akutye kakhulu ukuze akwazi ukuhlangabezana neemfuno ezikhulayo zosana olukhulayo.



Ukutshaya
notywala -zilubeka engozini usana olungekazalwa

Ukutshaya kuyingozi kumntwana ongekazalwa. Ukuqhubeka nokutshaya ukhulelwe kubangela isizamva (esithwala ukutya sikuse kusana olusesibelekweni kunina) singasebenzi size siyeke ukudlulisela ukutya okufunekayo kusana. Ukutshaya kunokonakalisa imithambo yegazi konakala oko kwandisa ukuba sengozini yokuba usana luzalwe lungasaphili. Akungomcamango omhle ukuba

















































utshaye nosana olungekazalwa!

Utywala kokunye okufanele umama okhulelweyo akuphephe kangangoko enako. Usana lwakho lunokuba neFoetal Alcohol Syndrome (FAS) edodobalisa ukukhula kobuchopho. Oku kuthetha ukuba usana Iunokugogeka ebuchotsheni nasemzimbeni. l-FAS ayinyangwa -ngokuqinisekileyo akukho mama unqwenela ukuba oku kwenzeke kusana lwakhe Utywala nokukhulelwa akuhambisani. Kuyimbopheleleko yakho ukuqiniseka ukuba usana lwakho luzalwa luphilile - ungabeki impilo yalo engozini.



Ukuncancisa -eyona ndlela ilungileyo yokondla
Kutheni ukuncancisa kulungele
usana?

Kungenxa yokuba kokona kutya kusempilweni okunokufunyanwa lusana.

Ukuncancisa kuyindlela yemvelo yokondla usana. Ubisi lwebele lunesondlo kanti luphucula nokuzikhusela komzimba wosana kwizifo, yaye lubone kakuhle. Zisuka nje lusandul'ukuzalwa mhlawumbi emva kwama-30 emizuzu kufuneka luncanciswe.

lintsana kufuneka zincanciswe kuphela kwiinyanga zokuqala ezintandathu zizelwe zingatyi okunye ukutya - ekuphela kwento efunwa lusana ngelo thuba lubisi lukanina. Ubisi lukanina lunazo zonke izondlo ezifunwa lusana -indalo ilulungise ngokukodwa ukwenzela usana, iyakwazi oko lukufunayo. Usana lwakho alufuni amanye amanzi. Kufuneka umama
aluncancise nanini na xa lufuna yaye angaluyekisi Iusancanca. Kuye kwabonwa ukuba iintsana eziye zanikwa okunye ukutya endaweni yobisi lukamama ziye zakhathazwa kukurhuda nezinye izifo. Omama kufuneka bazame ukuncancisa iminyaka emibini ebuncinaneni.

Ukuncancisa kunegalelo elihle likaVitamin A noC abafunwa ngamandla lusana xa luseneminyaka emibini yokuqala. Ukuncancisa kuqinisa ubuhlobo phakathi kosana nonina.

Kule mihla inkoliso yoomama iyasebenza kusebenza oko kunokubangela iingxaki xa kufuneka bancancise. Ukubaseza qho okanye ukukhamela ubisi kokuthile kuya kuzibangela zisezwe ngulowo ozikhathaleleyo. lveki phambi kokuba ubuyele emsebenzini, londle usana lwakho ngobisi














Iindlela
zokuncancisa
Usana lunokuncanciswa ngeendlela ezininzi. Eyona iqhelekileyo kuxa uhleli
okanye ungqengqe ngecala. Ezinye iindlela zilungela iimeko ezithile.
Maxa wambi kucetyiswa ukuba ungancancisi usebenzisa indlela enye, ngokomzekelo, xa iingono zibuhlungu okanye imibhobho yobisi ivalekile.


Ukulusondeza
emabeleni usana
Ukuba usana lusondezwe kakuhle emabeleni, kuya kunceda ukuba zingabikho iingxaki, ezisuka ekuminxaneni kosana ukusa kwiin-gono ezibuhlungu, kushenxisa iingxaki ezinjengokubhinyalaza emabeleni Ngokuqhelekileyo usana olusandul'ukuzalwa luyakuthanda ukuncanca ubisi. Luchukumise nje esidleleni ngengono okanye umnwe. Luya kuphethukela kwiingono umlomo luwuvulile. Ungaluchukumisi kwizidlele zozibini kuba oku kuya kuludida. maxa wambi unokudlalisa ngeengono kufutshane nomlomo walo ukuze ulukhanukise ibele.

Ungaluchukumisi nje ngeengono kuphela kuba usana alunakukwazi ukubamba ibele. Libambe Ionke ibele iingono ziphakanyisiwe xa uza kulifaka emlonyeni wosana.
Xa uhleli






Xa uhleli usana luqamelela ezingalweni zikanina. Kucetyiswa oku xa unamawele okanye xa unina ebeleke ngotyando.






Le yindlela efanelekileyo ukuba ubisi luza kuphuma ngokukhawuleza okanye xa kwenzeka usana lumiwe okanye lukhutywe.



































Isitulo segumbi lokubutha esitofotofo okanye esinendawo zokungqiyama sinokukulungela xa iinyawo zinyathela phantsi, unokusisebenzisa eso situlo. lzitulo eziphakamileyo azilunganga zinokubangela ube nomqolo obuhlungu.







Xa ungqengqile







Xa amabele emakhulu maxa wambi anokugquma impumlo zosana. Sebenzisa omnye umnwe okanye yomibini ukuze amabele angoyami empumlweni yosana.
Umqamelo oxhase usana. Umqamelo unokufakwa phantsi kwee ngalo okanye
emqolo. Le yindlela efanelekileyo ngomdlezane obeleke ngotyando. Xa usana lujonge kunina,
Ie yindlela elunge kakhulu.



















Ukungqengqa ngomqolo kulungele oomama abakhe batyandwa. Le yindlela yokungqengqa
eqhelekileyo.



